2 Chronicles 26:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Basuka bammela u Huziya ukumkani, bati kuye: Asi kokwako, Huziya! ukuqumisela uyehova, koko kukokwabo abaperisite, onyana baka‐Arone, abangcwaliselweyo ukuqumisa: puma endaweni eyingcwele, ngokuba ugqitile; kanjalo lento ayiyi kuba yeyokubekwa kwako pambi kwoyehova ongutixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bammela u-Uziya ukumkani, bathi kuye, Asikokwakho, Uziya, ukuqhumisela kuYehova; kokwababingeleli, oonyana baka-Aron abangcwaliselwa ukuqhumisela; phuma engcweleni, ngokuba wenza ubumenemene; akuluzuko oko kuwe phambi koYehova uThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bamchasa ukumkani u-Uziya, bathi kuye, Uziya, akakho emandleni akho ukwenzela uYehova isiqhumiso; kokwababingeleli, oonyana baka-Aron, abanyuliweyo ukuba baqhumisele; ngokuba wenze ubumenemene; yaye akuyi kuba yindumiso kaYehova uThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bamxelelisa ukumkani u-Uziya bathi: “Asikokwakho, Uziya, ukuba wena wenzele uNdikhoyo isiqhumiso. Lowo ngumsebenzi wababingeleli, isizukulwana sika-Aron, abantu abakhutshelwa bucala ukuze batshise isiqhumiso. Ngoko ke phuma apha kwindawo engcwele, kuba le nto uyenzileyo kukunganyaniseki, yaye ke uNdikhoyo uThixo akasayi kukuxabisa.”