2 Chronicles 26:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula waqumba u‐Huziya, enesiqumelo esandleni sake ukuba aqumise: kwati nxa abequmba ngakubo abaperisite, kwapuma isilepero ebunzini lake ngapambi kwabaperisite, endlwini kayehova, ngecala lesibingelo sesiqumiso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wajala u-Uziya, ephethe ngesandla isiqhumiso sokuqhumisela. Uthe esabajalele ababingeleli, kwasuka kwaphuma iqhenqa ebunzini lakhe phambi kwababingeleli endlwini kaYehova, engasesibingelelweni sokuqhumisela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wacaphuka u-Uziya, yaye esandleni sakhe wayephethe imbiza yesiqhumiso ukuze akhuphe isiqhumiso; ngoxa wayenomsindo kubabingeleli, kwavela iqhenqa ebunzi phambi kwababingeleli endlwini kaYehova, ngasesibingelelweni sesiqhumiso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
U-Uziya wayephethe umcephe ngesandla, selelungele ukwenza isiqhumiso. Ke kaloku wasuka wacaphuka. Uthe ke esavutha njalo umsindo kubo ababingeleli abo apho phambi kweqonga endlwini kaNdikhoyo, suka iqhenqa lee tyaba ebunzini lakhe.