2 Chronicles 26:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Hazariya umperisite omkulu wakangela ngakuye, kwa nabo bonke abaperisite; kekaloku bona ke, ebenesilepero ebunzini lake; baza bamgxota kona ngobunxamo; ewe naye wanxamela ukupuma ngokwake, ngenxa yokuba uyehova ebembetile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAzariya, umbingeleli omkhulu, nababingeleli bonke, babheka kuye, nanko eneqhenqa ebunzi, bamgxotha ngobungxamo khona, wangxama naye ukuphuma; ngokuba uYehova ubembethile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAsriya umbingeleli omkhulu nababingeleli bonke bekhangele kuye, babona ukuba uneqhenqa ebunzi, bamndulula ke; naye wakhawuleza wemka, ngokuba uYehova ubemkhaliphile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umbingeleli omkhulu uAzariya nabanye ababingeleli abo bathe bakumkhangela babona ukuba uneqhenqa ebunzi; ngoko ke bakhawuleza bamkhuphela ngaphandle. Ewe, naye ngokwakhe wayeselekungxamele ukuphuma, kuba kaloku uNdikhoyo wayemvelele ngesohlwayo.