2 Chronicles 26:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayelileperi u‐Huziya ukumkani kwada kwayimini yokufa kwake; wati, elileperi nje, wahlala endlwini eyahlukileyo, ngokuba ebenqanyulwa endlwini kayehova: waye u‐Yotame unyana wake ebepezu kwendlu yokumkani, egweba abantu belizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waye u-Uziya ukumkani eneqhenqa, kwada kwayimini yokufa kwakhe, wahlala endlwini eyodwa, eneqhenqa; ngokuba wanqanyulwa endlwini kaYehova. UYotam, unyana wakhe, wayiphatha indlu yokumkani, ebalawula abantu belizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani uOsiya ubeneqhenqa, kwada kwayimini yokufa kwakhe, wahlala ezindlwini ngezindlu, ngenxa yokuba ebeneqhenqa; unyana wakhe uYotham wayephethe indlu kakumkani yaye egweba abantu belizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ukumkani u-Uziya wathiwa nca lelo qhenqa, wada wasweleka. Wayehlala endlwini yakhe yedwa ngenxa yelo qhenqa, engenakungena nasendlwini kaNdikhoyo. Unyana wakhe uYotam waba libamba apho ebhotwe, yanguye obalawulayo abantu belizwe elo.