2 Chronicles 26:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada u‐Huziya walala noyise bake; baza bamncw̔aba ndawonye noyise bake, entsimini yokuncw̔aba ebiyeyabo okumkani; ngokuba bebesiti: Ulileperi yena. Wandula u‐Yotame unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
U-Uziya walala kooyise; bamngcwabela ngakooyise emhlabeni wokungcwaba wookumkani; ngokuba bathi, Uneqhenqa. UYotam, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
U-Uziya walala kooyise; bamngcwabela yena nookhokho bakhe engcwabeni lookumkani ngokuba bathi, Uneqhenqa; uYotam, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
U-Uziya ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa kufuphi nabo kumhlaba wokungcwaba owawungowookumkani, kuba abantu besithi: “Kaloku ebeneqhenqa.” Unyana wakhe uYotam wangena esikhundleni sakhe.