2 Chronicles 26:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wapuma walwa nama‐Filistiya, wacita udonga lwe‐Gate, nodonga lwe‐Yabene, nodonga lwe‐Ashedode; waza waka izixeko elizweni lase‐Ashe dode, napakati kwama‐Filistiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphuma walwa namaFilisti, waluqhekeza udonga lwaseGati, nodonga lwaseYabhene, nodonga lwaseAshdode, wakha imizi kummandla waseAshdode naphakathi kwamaFilisti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphuma waya kulwa namaFilisti waza waludiliza udonga lwaseGati udonga lwaseYabhen nodonga lwaseAshdode waza wakha izixeko macala onke eAshdode naphakathi kwamaFilisti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
U-Uziya walwa namaFilistiya, waza wazidiliza iindonga zaseGati nezaseYabhene nezaseAshdode. Kamva ke wakha iidolophu ngaseAshdode nakwezinye iindawo apho kwelamaFilistiya.