2 Chronicles 26:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati aba‐Hamoni banika iminikelo ku‐Huziya: lwada udumo lwake lwaya kwada kwasekungenweni kwe‐Jipete; ngokuba womelelayo ngento egqitiseleyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ama-Amon amnika u-Uziya umnikelo. Igama lakhe laduma, lada laya kufika ekungeneni kweYiputa; ngokuba womelela wada wenyuka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye oonyana baka-Amoni banikela izipho ku-Uziya, yaye igama lakhe lasasazeka ukuya kufikelela naphakathi kweYiputa; ngokuba wazenza nzima kakhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ama-Amon ayekhuphela u-Uziya imirhumo; ewe, udumo lwakhe lwanabela nakwimida yeJiputa. Kaloku wayenamandla.