2 Chronicles 28:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bati kubo: Aniyi kungenisa lamatinjwa apa: ngokuba, ukuze ityala ngakuye uyehova libe pezu kwetu, nicinga nina ukwongeza ezonweni zetu nasetyaleni letu: ngokuba likulu ityala esinalo: kanjako ubushushu bengqumbo bupezu kwo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
athi kubo, Ningabazisi apha abathinjwa, ukuze sibe netyala kuYehova; nifuna ukongeza esonweni sethu nasetyaleni lethu;ngokuba, inene, likhulu ityala lethu, nokuvutha komsindo kuphezu kwamaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kubo, Ningabazisi amabanjwa apha; ngokuba, noko sonile kuYehova, uya kuzandisa izono zethu nezikreqo zethu; kuba ukunxaxha kwethu kukhulu yaye kukho umsindo ovuthayo nxamnye noSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
zathi: “Musani ukuza nabo apha abo bathinjwa, kuba siya kuba netyala phambi koNdikhoyo. Ngaba nifuna ukusongeza na isono netyala lethu? Kaloku ityala lethu selilikhulu kakade, nengqumbo kaNdikhoyo iphezu koSirayeli.”