2 Chronicles 28:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aza amadoda axo̔bileyo ashiya amatinjwa namaxoba pambi kwenkosi nayo yonke intlanganiso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abaxhobileyo babashiya ke abathinjwa namaxhoba phambi kwabathetheli nebandla lonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abaxhobileyo babandulula abathinjwa namaxhoba, baye kumabamba nebandla lonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke amajoni lawo abakhulula abathinjwa abo, awancama namaxhoba lawo apho phambi kwamaphakathi kunye nebandla liphela.