2 Chronicles 28:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula esuka lomadoda abalulweyo ngamagama, abamba amatinjwa, nabo bonke abebeze pakati kwawo abavatisa emaxobeni lawo; ewe abavatisa, abafaka izihlangu, abanika ukutya, abaseza, abatambisa, abakapa pezu kwamaqwaṙashe bonke ababutataka, abazisa e‐Jeriko, esixekweni semiti yepalime, kufupi nabazalwana babo: aza abuya wona ukuya e‐Samariya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Asuka ke amadoda akhankanywe ngamagama, abathabatha abathinjwa, abambathisa bonke ababeze phakathi kwabo ngamaxhoba, abambathisa, abanxiba iimbadada, abadlisa, abaseza, abathambisa, abathundeza ngamaesile bonke abatyhafileyo, abasa eYeriko, kumzi wamasundu, kubazalwana babo; wona abuya aya kwaSamari.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Asuka ke amadoda abizwa ngamagama, ababamba ababanjiweyo, ababambathisa bonke ababehamba ze phakathi kwabo, abanxiba, abanxiba iimbadada, abapha ukuba badle, basele, babathambise, baphilise bonke abaswele amandla idizili, yeza nazo baya kubazalwana babo eYeriko, umzi wamasundu; emva koko babuyela kwaSamari.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke la madoda selekhankanyiwe awathatha amabanjwa lawo, aza emaxhobeni apho athatha iimpahla abanxiba abo babehamba ze. Bawanika iimphala zokunxiba, iimbadada, ukutya nento eselwayo, ngokunjalo namayeza okuthambisa. Abo babebuthathaka babakhwelisa koondlebe-nde. Ewe, babathatha babagodusa babasa kumawabo eJeriko, isixeko samasundu, baza ke bona babuyela eSamariya.