2 Chronicles 28:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba uyehova ebetobisile o‐Juda, ngenxa yake u‐Ahazi ukumkani wo‐Sirayeli; ngokuba ebebenzile o‐Juda abangevayo, wenza ngobumenemene kakulu ngakuye uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba uYehova wawathoba amaYuda ngenxa ka-Ahazi, ukumkani wakwaSirayeli; ngokuba wenza inyala kwaYuda, wenza ubumenemene kuYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba uYehova wawathoba amaYuda ngenxa ka-Ahazi, ukumkani wakwaSirayeli; kuba wamphanga uYuda waza wona kakhulu kuYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wamthobela eluthulini uJuda ngenxa yesimo sika-Ahazi ukumkani wakhe. Kaloku yena wakhuthaza inkohlakalo kwaJuda, akanyaniseka kuNdikhoyo.