2 Chronicles 28:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka wabingela otixo base‐Damakusi, ababembetile, wati: Ngokuba otixo bokumkani be‐Siriya benceda bona, ndiya kubabingela, ukuze bancede mna. Kodwa baba sisiwiso kuye, nako‐Sirayeli bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabingelela kwizithixo zaseDamasko ezazimeyisile, wathi, Izithixo zookumkani bama-Aram ezawancedayo, ndobingelela kuzo;zondinceda nam. Ke zona zaba sisikhubekiso kuye nakumaSirayeli onke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabingelela kwizithixo zaseDamasko ezimeyisileyo, wathi, Izithixo zookumkani bama-Aram ziyanceda, ndobingelela ngazo, zindincede mna. Kwaba yintlekele kuye nakumaSirayeli onke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wenzela izithixo zaseDamasko amadini, sizwe eso ke sasimoyisile emfazweni. Kaloku wayesithi: “Njengoko izithixo zookumkani bakwa-Aram zibancedile nje, nam ke ndiza kuzenzela amadini ukuze zindincede.” Kambe ke eso senzo sesona samkhahlela phantsi, kwaba seso nakuSirayeli jikelele.