2 Chronicles 28:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada u‐Ahazi walala noyise bake; baza bamncw̔aba esixekweni, e‐Yerusaleme: kodwa abamzisa emancw̔abeni okumkani bo‐Sirayeli. Wandula u‐Hezekiya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAhazi walala kooyise, bamngcwabela kuwo umzi oyiYerusalem; ke abamzisanga emangcwabeni ookumkani bakwaSirayeli. UHezekiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Walala uAhazi kooyise, bamngcwabela emzini oyiYerusalem; abamsa emangcwabeni ookumkani bakwaSirayeli; uHezekiya unyana wakhe waqalisa ukulawula esikhundleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAhazi ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa kwisixeko iJerusalem. Kambe ke yena akafihlwanga kumangcwaba ookumkani bakwaSirayeli. Ke esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uHezekiya.