2 Chronicles 28:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe, waqumisa esihlanjeni sonyana ka‐Hinome, watshisa onyana bake emlilweni, njengento ezibuntshontsho zabaheyideni, abo wabagqogqayo uyehova pambi kwosapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waqhumisela yena emfuleni waseBhen-hinom, wabatshisa oonyana bakhe ngomlilo, ngokwamasikizi eentlanga awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu koko, wanyusa umsi kwintlambo yonyana kaHinom waza wabatshisa oonyana bakhe ngomlilo, ngokwezinto ezicekisekayo zeentlanga ezo uYehova wazigxothayo phambi koonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayetshisa amadini kwintili kaBhen-hinom, wada wenza isikizi lokufaka unyana wakhe emlilweni, esenza idini ngaye, siko elo lalisenziwa ziintlanga awazigxothayo uNdikhoyo ekungeneni kwamaSirayeli.