2 Chronicles 28:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako uyehova, utixo wake, wamnikela esandleni sokumkani we‐Siriya; baza babeta abake, batimba kuye into enkulu yamatinjwa, bawazisa e‐Damakusi. Kanjako wanikelwa nasesandleni sokumkani wo‐Sirayeli, owambeta ngesibulalo esikulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova, uThixo wakhe, wamnikela esandleni sokumkani wama-Aram; ameyisa, athimba kuye into eninzi yabathinjwa, abasa eDamasko. Kananjalo wanikelwa esandleni sokumkani wakwaSirayeli, uPeka; wabulala kwimpi yakhe kakhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova, uThixo wakhe, wamnikela esandleni sokumkani wakwa-Aram; bameyisa, bathimba into eninzi yabathinjwa, babasa eDamasko. Waphinda wanikelwa esandleni sokumkani wakwaSirayeli, wamxabela ngogonyamelo olukhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uNdikhoyo uThixo wakhe wamnikela kukumkani wama-Aram. Ama-Aram amoyisa, athimba abantu abaninzi, aya nabo eDamasko. Kananjalo wanikelwa nasesandleni sokumkani wakwaSirayeli owamshiya neengxwelerha ezininzi.