2 Chronicles 28:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba u‐Pekahi, unyana ka‐Remaliya, wabulala kwa‐Juda amawaka alikulu linamashumi mabini emini nye, onke engamadoda akalipileyo; ngenxa yokuba ebemshiyile uyehova, utixo woyise bawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UPeka, unyana kaRemaliya, wabulala kumaYuda ikhulu elinamanci amabini lamawaka ngamini-nye, bonke bengamadoda anobukroti, ngokushiya kwabo uYehova, uThixo wooyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uPeka unyana kaRemaliya wabulala kumaYuda ikhulu elinamanci amabini lamawaka ngamini-nye, bonke bengamadoda anobukroti; ngokuba bamcekisile uYehova, uThixo wooyise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngamini-nye uPeka unyana kaRemaliya wabulala ikhulu elinamashumi amabini lamawaka kumajoni akwaJuda; kaloku uJuda lo wayemlahlile uNdikhoyo uThixo wooyise.