2 Chronicles 28:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwatimba kubazalwana balo amawaka angamakulu mabini, abafazi, onyana, nentombi, lwapanga kubo nento eninzi yamaxoba, lwawazisa amaxoba lawo e‐Samariya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana bakaSirayeli bathimba kubazalwana babo amakhulu amabini amawaka, abafazi, noonyana, neentombi, kananjalo babaphanga amaxhoba amaninzi, bawazisa amaxhoba lawo kwaSamari.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaSirayeli bathimba abafazi abangamakhulu amabini amawaka, oonyana neentombi zabazalwana babo, babaphanga amaxhoba amaninzi, bawazisa amaxhoba lawo kwaSamari.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli emka namabanjwa angamawawo, amakhulu amabini amawaka, bengabafazi, amantombazana, namakhwenkwe. Kanti ke bemka nento eninzi yamaxhoba, baya nayo eSamariya.