2 Chronicles 28:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kuko kona umprofite kayehova, ogama lingu‐Hodedi, owapuma ukuya kuhlangabeza umkosi obusiza e‐Samariya, wati kubo: Bona ke, ngomsindo kayehova, utixo woyihlo benu, ngakubo o‐Juda, ubanikele esandleni senu, nanibulele bona ngobuṙalaṙume obufikelela kwa sezulwini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Apho ke bekukho umprofeti kaYehova, ogama linguOdede.Waphuma waya kukhawulela umkhosi owawusiza kwaSamari, wathi kubo, Yabonani, ngenxa yobushushu bukaYehova, uThixo wooyihlo, obukumaYuda, uwanikele ezandleni zenu; nibabulele ke ngomsindo ode waya kufikelela emazulwini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke bekukho umprofeti kaYehova, ogama linguOdedi; Wagqithela kwizintlu ezifike kwaSamari, wathi kubo, Yabonani, ngenxa enokuba uYehova, uThixo wooyihlo, ebenoburhalarhume kumaYuda, wawanikela esandleni senu, niwabulala ngomsindo omkhulu ifikelela esibhakabhakeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke khona apho kwakukho *umshumayeli kaNdikhoyo ogama linguOdede. Yena wabahlangabeza xa umkhosi ubuyela eSamariya. Wathi kubo: “Niyabona, uNdikhoyo uThixo wooyihlo umnikele esandleni senu uJuda ngenxa yengqumbo yakhe kuye. Kambe ke nina nibabulele ngengqumbo efikelele nasezulwini.