2 Chronicles 29:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WABA ngukumkani u‐Hezekiya, eyiminyaka imashumi mabini anamihlanu ubudala bake, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mabini anesitoba e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Abiya, intombi ka‐Zekariya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UHezekiya waba ngukumkani eminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAbhiya intombi kaZekariya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uHezekiya ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu engukumkani; waba neminyaka emashumi mabini anesibhozo engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguAbhiya, intombi kaZekariya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UHezekiya wayeneminyaka emashumi mabini anantlanu ukungena kwakhe ebukhosini, waza walawula eJerusalem iminyaka engamashumi amabini anethoba. Unina yayinguAbhiya intombi kaZakariya.