2 Chronicles 29:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza abaperisite bazixe̔la, basihlambulula ngegazi lazo isibingelo, kuze kwenzelwe o‐Sirayeli bonke uxoliso: ngokuba ebexele ukumkani ukuba makwenz elwe o‐Sirayeli bonke elodini lokutshiswa nelodini lesono.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bazixhela ababingeleli, ukuba bawacamagushele amaSirayeli onke, ngokulenza nyulu igazi lazo esibingelelweni; ngokuba ukumkani ebethe makenzelwe onke amaSirayeli idini elinyukayo nedini lesono.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bazixhela ababingeleli, baza bacamagushela ngegazi lazo esibingelelweni ukuze bagubungele izono zabo bonke oonyana bakaSirayeli; ngokuba ukumkani wayewise umthetho wokuba kwenziwe amadini anyukayo nedini lesono ngenxa yamaSirayeli onke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ababingeleli ke bazixhela iibhokhwe ezo, igazi lazo balisa eqongeni laba lidini lesono lokungxengxezela uSirayeli ephela. Kaloku ukumkani wayenze umyalelo mayela nedini elitshiswayo kunye nelesono ngokunxulumene noSirayeli ephela.