2 Chronicles 29:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula waxela u‐Hezekiya ukuba kunikelwe ngedini lokutshiswa pezu kwesibingelo. Kwati ngexesha lokuqalwa kwedini lokutshiswa, kwandul’ ukuqalwa amaculo kayehova, namaxilongo, kwa kunye neziculiso zika‐Davide ukumkani wo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uHezekiya, makunyuswe idini elinyukayo esibingelelweni. Lithe lakuqalwa idini elinyukayo, yaqala ingoma kaYehova namaxilongo, ngokokuhlabela kweempahla zikaDavide ukumkani wakwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uHezekiya, makuziswe idini elinyukayo esibingelelweni; Ekuqalisweni komnikelo otshiswayo, ingoma kaYehova yaqalisa ngamaxilongo nezixhobo ezazibekwe nguDavide ukumkani wakwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UHezekiya ke wayalela ukuba kwenziwe idini elitshiswayo apho eqongeni. Lathi ke lakuqaliswa idini elo, yaqalisa nengoma kudunyiswa uNdikhoyo, ikhatshwa ngamaxilongo nezikhalisi zikaDavide ukumkani wakwaSirayeli.