2 Chronicles 29:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula waxela u‐Hezekiya ukumkani, nenkosi, kubo aba‐Levi, ukuba mabadumise uyehova ngamazwi ka‐Davide, nangaka‐Safa umboni: baza badumisa ngovuyo, batoba ngapantsi, baziqubuda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi ooHezekiya ukumkani nabathetheli, mabamdumise uYehova abaLevi ngamazwi kaDavide naka-Asafu imboni. Bamdumisa ke bada bavuya; bathoba, baqubuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu koko, ukumkani uHezekiya nabathetheli babayalela abaLevi ukuba bavume kuYehova amazwi kaDavide noAsafu imboni. Bavuma iingoma zokudumisa, benovuyo, bathoba iintloko zabo, baqubuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani uHezekiya enamaphakathi bayalela abaLevi ukuba badumise uNdikhoyo ngamazwi kaDavide kunye nawemboni uAsafu. Ngoko ke batsho ngentswahla bedumisa ngovuyo olukhulu, baza ke bakhahlela benqula.