2 Chronicles 29:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walekela wateta u‐Hezekiya wati: Kaloku nizizalisile nje izandla zenu kuyehova, sondelani, nizise imibingo neminikelo yokubulela endlwini kayehova. Yaza intlanganiso yazisa imibingo neminikelo yokubulela; nabo bonke abanentliziyo evumayo bazisa amadini okutshiswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula uHezekiya wathi, Kungokunje nizingcwalisile kuYehova; yizani, nizise imibingelelo neyombulelo endlwini kaYehova. Layizisa ke ibandla imibingelelo neyombulelo; bonke ababeqhutywa yintliziyo, bazisa amadini anyukayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uHezekiya, wathi, Zinikele kuYehova ngoku; sondela, uzise imibingelelo neyombulelo endlwini kaYehova. Ibandla lazisa imibingelelo neyombulelo; bonke abantliziyo ziqhutywa yintliziyo, mabawenze amadini anyukayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ke ukumkani uHezekiya: “Ngoku ke nizinikezele kuNdikhoyo. Ngoko ke zisani amadini neminikelo yokubulela endlwini kaNdikhoyo.” Ewe ke, ibandla lawazisa amadini kunye neminikelo yokubulela, baza ke bonke abaqhutywa ziintliziyo zabo benza amadini atshiswayo.