2 Chronicles 29:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa abaperisite bebelula, bada bakohlwa kukuhlinza onke amadini okutshiswa; ngako babencedwa ngabazalwana babo aba‐Levi, kude kwagqitywa lomsebenzi, nakude kwazingcwalisa abanye abaperisite; ngokuba aba‐Levi bebelungile ngentliziyo, ukuba bazingcwalise, ngapezu kwabaperisite.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa ababingeleli babembalwa, ababa nakuwahlinza onke amadini anyukayo; bababambisa ke abazalwana babo abaLevi, wada wagqitywa loo msebenzi, bada bazingcwalisa ababingeleli;ngokuba abaLevi babethe tye ngentliziyo ukuzingcwalisa, kunababingeleli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ababingeleli babephelelwe, ababa nakuwawisa onke amadini anyukayo; bancedisa abazalwana babo abaLevi, ude ugqitywe umsebenzi, bade bazihlambulule ababingeleli; ngokuba abaLevi babentliziyo iqinile ekwenzeni izithembiso zabo ngaphezu kwababingeleli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ababingeleli ke babembalwa ukuhlinza loo madini bebodwa, ngoko ke bancediswa zizizalwana zabo abaLevi, wada wafezeka umcimbi lowo, nangokongezeka kwababingeleli abahlanjululwayo. Kaloku abaLevi bona babekukhuthalele ukuzihlambulula kunababingeleli abo.