2 Chronicles 29:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwabako umsindo kayehova pezu kwo‐Juda ne‐Yerusaleme, wabanikela babe yinto yokuzanyazanyiswa, neyokutelwa nqa, neyokwenzelwa amakwelo, njengokuba nibona ngamehlo enu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko ke afikelwa amaYuda neYerusalem buburhalarhume bukaYehova, wawanikela aba yinto yokufeketha, neyokumangalisa, neyomsondlo, njengoko nikubonayo ngamehlo enu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke wafikelwa yingqumbo kaNdikhoyo phezu koJuda neJerusalem, waza wawanikela ukuba athuthuzeleke, akhwankqiswe, abe sisigculelo, njengoko nikubonayo ngamehlo enu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ingqumbo kaNdikhoyo iphezu koJuda neJerusalem. Ezi ndawo wazitsho zayinto eyoyikekayo, inyumnyezi nesigculelo, nto leyo ke esizibonelayo ngawethu amehlo.