2 Chronicles 3:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako wazenza pambi kwendlu intsika zambini, zizikubite ezimashumi matatu anantlanu ubude bazo; nentloko ebisencameni yenye intsika ibizikubite ezintlanu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenza phambi kwendlu iintsika zambini: zaziikubhite ezimashumi mathathu anantlanu ubude bazo; ingqukuva esemantloko azo ibiziikubhite ezintlanu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenza iintsika zambini phambi kwendlu, zaziikubhite ezimashumi mathathu anantlanu ukuphakama kwazo, nentloko ephezu kwazo zonke iikubhite ezintlanu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phambi kwendlu leyo wamisa iintsika ezimbini, nganye kuzo iziimitha ezilishumi elinesihlanu ezinesiqingatha ubude. Intsika nganye yayinentloko ekuphakama kuziimitha ezimbini ezinekota.