2 Chronicles 30:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WANDULA watuma u‐Hezekiya kubo bonke o‐Sirayeli no‐Juda, waba̔la incwadi ko‐Frayime no‐Manase kanjalo, ukuba beze endlwini kayehova e‐Yerusaleme, ukubamba ipasika kuyehova, utixo wo Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathumela uHezekiya kuwo onke amaSirayeli namaYuda;kananjalo wabhala iincwadi eziya kumaEfrayim namaManase, ukuba kuziwe endlwini kaYehova eYerusalem, kwenziwe ipasika kuYehova, uThixo kaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathumela uHezekiya kuwo onke amaSirayeli namaYuda, wabhala iincwadi eziya kumaEfrayim namaManase, ukuba kuziwe endlwini kaYehova eYerusalem, kwenziwe ipasika kaYehova, uThixo kaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UHezekiya wathumela ilizwi kuye wonke uSirayeli noJuda, wabhala neeleta, wazithumela kwaEfrayim nakwaManase, ebamema ukuba baye endlwini *kaNdikhoyo eJerusalem, baye kubhiyozela iPasika kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.