2 Chronicles 30:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bebebaninzi entlanganisweni abangazingcwalisanga: ngako aba‐Levi babepezu kwokuxe̔lwa kwazo ipasika, ngenxa yabo bonke abebengacocekile, ukwenza ngcwele kuyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngokuba babebaninzi ebandleni abe bengazingcwalisanga.AbaLevi bamela ukuxhela ipasika ngenxa yabantu bonke abaziinqambi, ukuba iimvana zingcwaliselwe kuYehova;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba babebaninzi ebandleni ababengangcwaliswanga; Ngoko ke abaLevi babephethe bonke ababengahlambulukanga ngePasika, ukuze bangcwaliswe uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Apho kweso sihlwele kwathi kanti baninzi abantu ababengazihlambululanga, ngoko ke abaLevi kwafuneka babaxhelele amaxhwane bonke abo *babenomlaza, bengenako ukuwanikela kuNdikhoyo ngokwabo amaxhwane abo.