2 Chronicles 30:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba isininzi sabantu, kwa abaninzi bevela kwa‐Frayime, nakwa‐Manase, na kwa‐Yisakare, nakwa‐Zebulone, bebengazicokisile, koko batyayo ipasika ngokungenjengokuba̔liweyo. Kodwa u‐Hezekiya wabatandazela, esiti: Wanga uyehova, lowo ulungileyo, angaxolela
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngokuba ubuninzi babantu, abaninzi ababevele kwaEfrayim nakwaManase, kwaIsakare nakwaZebhulon, baye bengazihlambululanga. Bayidla ipasika ngokungengamthetho; kodwa uHezekiya wabathandazela, esithi, Wanga uYehova olungileyo
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba inkitha yabantu, abaninzi bakwaEfrayim nakwaManase, kwaIsakare nakwaZebhulon, abazange bazihlambulule, kodwa bayidla ipasika ngokuchasene noko kubhaliweyo. Kodwa uHezekiya wabathandazela, esithi, uYehova olungileyo uxolela bonke abantu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nangona uninzi lwabantu ababephuma kwaEfrayim, kwaManase, kwaIsakare, nakwaZebhulon babengazihlambululanga, kodwa nabo bathatha inxaxheba apho ePasikeni – nto leyo yayinxa mnye nomthetho. Kambe ke uHezekiya wabathandazela wathi: “Ngamana uNdikhoyo olungileyo wabaxolela bonke,