2 Chronicles 30:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bamisa umteto wokuba kudluliswe ilizwi kuyo yonke i‐Sirayeli, kwa se‐Beresheba kwada kwase‐Dane, lokokuba makuziwe ukubamba ipasika kuyehova, utixo wo‐Sirayeli, e‐Yerusaleme: ngokuba bekukade bebengawubambanga njengokuba̔liweyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bamisa indawo yokuba lihanjiswe ilizwi kumaSirayeli onke, kuthatyathelwe eBher-shebha, kuse kwaDan, ukuba baze kwenza ipasika kuYehova, uThixo wamaSirayeli, eYerusalem; ngokuba babengayenzanga bebaninzi, njengoko kubhaliweyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bawisa umthetho, bandulula ukuba bandulule ilizwi koonyana bakaSirayeli, kuthabathele eBher-shebha, kuse kwaDan, beze kumenzele ipasika uYehova, uThixo kaSirayeli eYerusalem; ngokuba yayiseyimihla yamandulo ukwenziwa ipasika kwenziwa ibhaliwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bazimisela ukuthumela isaziso kuSirayeli ewonke ukusukela eBhashebha kuye kwaDan, abantu bebamemela ukuba beze eJerusalem baze kubhiyozela iPasika kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Yayingazange yabhiyozelwa ngabantu abalinani elivakalayo njengoko kubhaliweyo.