2 Chronicles 30:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nize ningabi njengoyihlo benu, nanjengabo abazalwana benu, abenza ngobumenemene ngakuye uyehova, utixo woyise babo; owabanikela ekucitakaleni, njengokuba nibona nina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Musani ukuba njengooyihlo, nanjengabazalwana benu, abenza ubumenemene kuYehova, uThixo wooyihlo, wabanikela baba yinto yokumangalisa, njengoko nikubonayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musani ukuba njengooyihlo nanjengabazalwana benu abona uYehova uThixo wookhokho babo, owabanika imfumba yamanxuwa, njengani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sanukufana nooyihlo nabantakwenu bona basuke abanyaniseka kuNdikhoyo uThixo wooyise, khon' ukuze abenze umzekelo wesikizi njengoko nani nibona.