2 Chronicles 30:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, xeshekweni nibuyela kuyehova, abazalwana benu nabantwana benu baya kufumana ububele ebusweni babo babatimbileyo, bade babuye beze kwelilizwe: ngokuba uyehova, utixo wenu, enofefe, enobubele, ongayi kunqanda ubuso kuni, nakubuyela kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba, ukuba nithe nabuyela kuYehova, abazalwana benu noonyana benu bofumana imfesane kwababathimbileyo, babuyele kweli lizwe; ngokuba unobabalo, unemfesane uYehova uThixo wenu;akayi kubufihla kuni ubuso bakhe, ukuba nithe nabuyela kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba, ukuba nithe naguquka kuYehova, abazalwana benu nabantwana benu bofumana inceba phambi kwabo bathimbe, babuyele kweli lizwe; ngokuba unemfesane, unemfesane uYehova uThixo wenu, wonibuyisa, ukuba nibuyele kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba nibuyele kuNdikhoyo, abantakwenu nabantwana benu baya kwenzelwa inceba ngabo babathimbileyo, baze ke babuyele kweli lizwe, kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unesisa novelwano. Akasayi kunifulathela ukuba nibuyela kuye.”