2 Chronicles 31:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kwakugqitywa konke oku, kwapuma bonke o‐Sirayeli abebeko baya ezixekweni zakwa‐Juda, baziqekeza intsika zamatye, bazigaula i‐Ashera, bacita indawo ezipakamileyo nezibingelo kuyo yonke i‐Juda ne‐Benjamine, nakuyo i‐Frayime ne‐Manase, kwada kwagqityelwa. Lwandula lwonke usapo luka‐Sirayeli lwabuya olunye ngolunye ukuya emfuyweni yalo, ezixekweni zakowalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwakugqitywa konke oko, aphuma onke amaSirayeli afumanekileyo khona, aya emizini yakwaYuda, aziqhekeza izimiso zamatye, abagawula ooAshera, azidiliza iziganga nezibingelelo kulo lonke elakwaYuda, nelakwaBhenjamin, nelakwaEfrayim, nelakwaManase, kwada kwagqitywa. Babuya bonke oonyana bakaSirayeli, elowo waya elifeni lakhe, emizini yakowabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ke konke oko kwenziwe, aphuma onke amaSirayeli abekhona, aya emizini yakwaYuda, aziqhekeza izimiso zamatye, azigawula imithi, azidiliza izibingelelo nezibingelelo kumaYuda onke nakwaBhenjamin, ezweni lakwaEfrayim noManase kwakhona, bada babaqalekisa bonke. Babuyela ke bonke oonyana bakaSirayeli emizini yabo, elowo elifeni lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yakuba yonke le nto ifezekile, amaSirayeli awayelapho aphuma, aya kwiidolophu zakwaJuda, afika awaqhekeza amatye anqulwayo, azigawula iintsika zika-Ashera. Iindawo eziphakamileyo zonqulo azitshabalalisa, ngokunjalo namaqonga, kulo lonke elakwaJuda nakwaBhenjamin, kwaEfrayim nakwaManase. Akuba ezitshabalisile zonke ezo zinto, amaSirayeli onke agoduka aya ngeedolophu zawo emihlabeni yawo.