2 Chronicles 31:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Hazariya umperisite omkulu, owendlu ka‐Tsadoki, wateta kuye, wati: Kuseloko kwaqalwayo ukungenisa iminikelo endlwini kayehova, sidlile sahluta, ewe sisalisile ngento eninzi; ngokuba uyehova ebatamsanqele abantu bake, kwada kwasala ingxokolo le.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uAzariya umbingeleli oyintloko, owendlu kaTsadoki, kuye, Kuseloko kwaqalwayo ukuziswa imirhumo endlwini kaYehova, side sahlutha, sashiya kakhulu; ngokuba uYehova ubasikelele abantu bakhe; le nto ingaka yeseleyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uAzariya, umbingeleli omkhulu wendlu kaTsadoki, wathi kuye, Kususela oko abantu beqalile ukuzisa imibingelelo endlwini kaYehova, sakwazi ukudla, saza ke saphela; ngokuba uYehova ebeyisikelele indlu yendlu kaYehova abantu kwaye okuseleyo yile venkile inkulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza ke umbingeleli omkhulu, uAzariya wendlu kaZadoki wathi: “Oko abantu baqalayo ukuzisa imirhumo yabo endlwini kaNdikhoyo, sitsho sanokutya okwaneleyo kude kubekho nentsalela, kuba uNdikhoyo ubathamsanqele abantu bakhe – ewe, le ntaphane ingaka ngamasalela.”