2 Chronicles 31:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bangenisa iminikelo, nezishumi, nezinto ezingcwele, ngenyaniso; waye u‐Kononiya um‐Levi ebengumpati pezu kwazo, no‐Shimehi umninawe wake ebengowasemva.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bawungenisa umrhumo, nezishumi, nezinto ezingcwalisiweyo ngokukholekileyo. Umphathi wazo ibiyinganga uKonaniya umLevi, noShimehi umninawa wakhe, obengowesibini;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawuzisa umrhumo, nezishumi, nezipho ezingcwele, enyanisekile; uKonaniya umLevi waba ngukumkani esikhundleni sakhe, yanguShimehi umntakwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Beza nayo ngenyameko ke yonke imirhumo leyo – izishumi neminikelo. Owayevelele lo msebenzi yayinguKonaniya umLevi encediswa ngumntakwabo uShimeyi.