2 Chronicles 31:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwa nabaperisite ababa̔lelweyo ngendlu zoyise zabo, naba‐Levi abaminyaka yobudala imashumi mabini napezulu, ngezigcinelo zabo, ngezahlulo zabo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukubhalwa kwababingeleli emilibeni yokuzalwa kube kungokwezindlu zooyise; nabaLevi bebesezigxineni zabo ngokwamaqela abo, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe kwenyusa;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokwengxelo yentsapho yababingeleli ngokweentsapho zabo nabaLevi ukususela kwabanamashumi amabini eminyaka ubudala ukusa phezulu, ngokwenkonzo yabo ngokwamaqela abo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bababela ababingeleli ababhaliswe kuludwe ngokwezindlu zabo, ngokunjalo nabaLevi abaminyaka imashumi mabini nangaphezulu, ngokwamaqela nemisebenzi yabo.