2 Chronicles 31:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo onyana baka‐Arone abaperisite, ezindleni zenqele zezixeko zabo, kuzo zonke izixeko ngazinye, bebenamadoda abalulweyo ngamagama, ukuba anike izabelwa kubo bonke ababudoda pakati kwabaperisite, nakubo bonke ababa̔lelweyo ngokuzalwa pakati kwaba‐Levi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nangenxa yoonyana baka-Aron ababingeleli, ababesemhlabeni wamadlelo emizi yabo, emizini ngemizi yonke, kube kukho amadoda axeliweyo ngamagama, okuyabela izabelo into yonke eyindoda kubabingeleli, nabo bonke ababhaliweyo emilibeni yokuzalwa kubaLevi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo koonyana baka-Aron, ababingeleli ababesedlelweni lemizi yabo emizini yabo, emizini ngemizi, amadoda lawo abizwe ngamagama, ukuba bababele izabelo yonke into eyindoda phakathi kwababingeleli, nakubantu bonke abafumanekayo babalelwa kubaLevi ngokwemizalwane yabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ababingeleli, inzala ka-Aron, abo babehlala emaphandleni ajikeleze iidolophu, kanti nasezidolophini, kwakhethwa amadoda ukuhambisa izabelo kuye wonke oyindoda phakathi kwabo, nakubo bonke abakuludwe lwemilibo yabaLevi.