2 Chronicles 31:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwa nesabelo sokumkani kwimfuyo yake ngenxa yamadini okutshiswa, awokusa nawokuhlwa amadini okutshiswa, nawenyanga ezitwasileyo, nawemitendeleko emisiweyo, njengokuba̔liweyo emtetweni kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Isabelo sokumkani sasempahleni yakhe saba sesamadini anyukayo, amadini anyukayo akusasa kwanawangokuhlwa, namadini anyukayo esabatha, nawokuthwasa kwenyanga, nawemithendeleko, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakhona, wanyula inxalenye yempahla kakumkani ukuze ibe yiminikelo etshiswayo, iminikelo etshiswayo yakusasa neyangokuhlwa neminikelo etshiswayo yeesabatha neyokuthwasa kwenyanga neyemithendeleko, kanye njengoko kubhaliwe emthethweni kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani warhuma kwezakhe izinto, wanikela amadini atshiswayo akusasa nawamatshona, kwakunye namadini atshiswayo *eMihla yokuPhumla, awokuthwasa kwenyanga, nawamatheko amisiweyo, njengoko kubhaliweyo emthethweni kaNdikhoyo.