2 Chronicles 31:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza waxelela abantu, abemi base‐Yerusaleme, ukuba mabanike isabelwa sabaperisite naba‐Levi, ukuze babambelele emtetweni kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UHezekiya wathi kubantu, kubemi baseYerusalem, mabanike isabelo sababingeleli nabaLevi, ukuze babambelele emyalelweni kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu koko, wayalela abantu baseYerusalem ukuba banikele isabelo sababingeleli nabaLevi, ukuze baqine emthethweni kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu abahlala eJerusalem wabayalela ukuba bakhuphe izabelo zababingeleli nabaLevi, ukuze bona bakwazi ukuzinikezela ngokupheleleyo emthethweni kaNdikhoyo.