2 Chronicles 32:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
EMVENI kwezizinto, nokuqiniswa kwazo, kweza u‐Senakeribe, ukumkani we‐Asiriya, wangena pakati kwe‐Juda, waṙaula izixeko ezinqatyisiweyo, waba uya kuzoyisa kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emveni kwezi zinto noku kunyanisa, weza uSaneribhe, ukumkani waseAsiriya, walingenela elakwaYuda, wangqinga imizi enqatyisiweyo; wathi uya kuzigqobhozela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emveni koko, nokuqinisela kwabo, weza uSaneribhe, ukumkani waseAsiriya, walingenela elakwaYuda, wayingqinga imizi enqatyisiweyo, wathi uya kuyithimba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kwezo zenzo zentembeko zikaHezekiya elakwaJuda lahlaselwa nguSenakeribhe ukumkani waseAsiriya. Wazingqinga izixeko ezinqatyisiweyo, ezimisele ukutyhoboza azithimbele kuye.