2 Chronicles 32:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku maningakohliswa ngu‐Hezekiya, maningahendwa nokuhendwa nguye ngokunjalo, maningakolwa nguye kanjako: ngokuba kungeko namnye utixo wolunye uhlanga no wobunye ubukumkani, obenamandla okusindisa abantu bake esandleni sam, nasesandleni sobawo bam; kukancinane kangakananina ngakumbi ke, ukuba utixo wenu wosindisa nina esandleni sam?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ngoko makanganilukuhli uHezekiya, makanganikhohlisi ngokunjalo. Musani ukukholwa nguye; ngokuba akubangakho namnye uthixo wazo zonke iintlanga nezikumkani, owaba nako ukuhlangula abantu bakhe esandleni sam, nasesandleni soobawo; wobeka phi na ke yena uThixo wenu? Akayi kunihlangula esandleni sam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, makanganikhohlisi uHezekiya, anikhohlise ngale ndlela, ningakholwa nguye nangoku; kuba akukho thixo walo naluphi na uhlanga okanye naluphi na ubukumkani oye wakwazi ukuhlangula abantu bako esandleni sam nasesandleni sooyise. Akayi kunihlangula na uThixo wenu esandleni sam?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hayi bo! Musani ukumyeka uHezekiya anikhohlise anilahlekise kangaka. Musani ukukholwa yinto ayithethayo, kuba akukho thixo nakusiphi na isizwe nombuso oselekhe wanako ukuhlangula abantu esandleni sam, nakweso soobawo. Wobeka phi ke lo Thixo wenu ukungabi nako ukunihlangula esandleni sam?”