2 Chronicles 32:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka watandaza u‐Hezekiya ukumkani, no‐Yisaya unyana ka‐Amotse umprofite, pezu kwoku, bakala ngasezulwini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathandaza ke uHezekiya ukumkani, noIsaya unyana ka-Amotsi, umprofeti, ngenxa yoko; bakhala, basingisa emazulwini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko uKumkani uHezekiya noIsaya unyana ka-Amos umprofeti bathandaza baze babongoze izulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ukumkani uHezekiya, ekunye *nomshumayeli uIsaya unyana ka-Amoze, lo mbandela bawubhekisa kuThixo ngomthandazo.