2 Chronicles 32:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wenje njalo uyehova ukusindisa u‐Hezekiya nabemi base‐Yerusaleme esandleni sika‐Senakeribe ukumkani we‐Asiriya, nasesandleni sa banye bonke, wabakapa ngamacala onke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wamsindisa ke uHezekiya nabemi baseYerusalem esandleni sikaSaneribhe ukumkani waseAsiriya, nasesandleni sabangabambi; wabakhusela ngeenxa zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko uYehova wamhlangula uHezekiya nabemi baseYerusalem esandleni sikaSaneribhe ukumkani waseAsiriya nasesandleni sabo bonke, wabakhupha macala onke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uNdikhoyo wamhlangula uHezekiya nabantu baseJerusalem esandleni sikaSenakeribhe ukumkani waseAsiriya, ngokunjalo nasesandleni sezinye izizwe. Bebonke wabakhusela macal' onke.