2 Chronicles 32:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGALOMIHLA wabesifa u‐Hezekiya wada waza kububa: wandula watandaza kuyehova, owateta kuye, wamnika umqondiso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngezo mini wayesifa uHezekiya, wayeza kufa, wathandaza kuYehova; wathetha naye, wamnika umqondiso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha wayesifa uHezekiya, wayeza kufa, wathandaza kuYehova; wathetha kuye, wamnika umqondiso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo thuba ke uHezekiya wahlabeka, waza wagulela ukungabikho. Wathandaza *uNdikhoyo, owasuka wamphendula ngomqondiso omangalisayo.