2 Chronicles 32:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Hezekiya akabuyekeza ngokunjengokusizwa kwake; ngokuba intliziyo yake ibir̔atshile: ngako bekuko umsindo pezu kwake, napezu kwo‐Juda ne‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uHezekiya akabuyekezanga njengokuphathwa kwakhe;ngokuba intliziyo yakhe yaphakama. Bafikelwa buburhalarhume, yena namaYuda neYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke uHezekiya akazange abuyekeze ngokwenceba abenzelwe yona; ngokuba intliziyo yakhe yaphakama; ke ngoko, waba nomsindo ngakuye noYuda neYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke uHezekiya wayethiwe lwale likratshi, akabusabela ububele abenzelweyo; ngoko ke ingqumbo kaNdikhoyo yaba phezu kwakhe ndawonye noJuda neJerusalem.