2 Chronicles 32:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kunjalo kodwa, ekufikeni kwezitunywa zenkosi zase‐Babilone, ezibe zitumile kuye ukuba kubuzwe ngommangaliso obe wenzekile elizweni, utixo wamshiya, ukuba amlinge, ukuze akwazi konke okusentliziyweni yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa ke emcimbini wabathunywa abangamakhumsha, abathetheli baseBhabheli, ababethunyiwe kuye, bebuzisa ngesimanga esabakho ezweni lakhe, uThixo wamshiya, ukuba amlinge, akwazi konke okusentliziyweni yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke mayela nabathunywa babathetheli baseBhabheli, ababethunyiwe kuye, beza kumbuza ngomangaliso owabakho kwelo lizwe, uThixo wamvavanya, ukuze akwazi konke okusentliziyweni yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke xa kwakuthunyelwe oonozaku-zaku kuye ngabalawuli baseBhabheli, beze kuqonda ngomqondiso omangalisayo owawubonakele apho elizweni lakhe, uThixo wamyekela khon' ukuze amvavanye akuqonde konke okwakusentliziyweni yakhe.