2 Chronicles 32:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada u‐Hezekiya walala noyise bake, wancw̔atywa kwelapezulu lamancw̔aba onyana baka‐Davide: bati bonke o‐Juda nabase‐Yerusaleme bamenzela udumo ekufeni kwake. Waza u‐Manase unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UHezekiya walala kooyise; bamngcwabela endulini yamangcwaba oonyana bakaDavide. Amzukisa ekufeni kwakhe amaYuda nabemi baseYerusalem. UManase, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Walala uHezekiya kooyise, bamngcwabela entloko kumangcwaba oonyana bakaDavide; yaye onke amaYuda nabemi baseYerusalem bambeka imbeko ekufeni kwakhe. uManase unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UHezekiya ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa kwicala elingasentla kwinduli enamafihlo esizukulwana sikaDavide. Ekuswelekeni kwakhe ke wonke uJuda ndawonye neJerusalem bamnika imbeko. Esikhundleni sakhe ke kwangena unyana wakhe uManase.