2 Chronicles 32:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bekuhlanganiswa abantu abaninzi, abavingcayo yonke imitombo, nomlanjana okukulayo pakati kwelozwe, besiti: Yinina ukuba okumkani be‐Asiriya beze apa, bafumane amanzi amaninzi?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwabuthelana abantu abaninzi, bawavala onke amaso emithombo, nomlanjana obuqukuqela phakathi kwelizwe; bathi, Yini na ukuba ookumkani baseAsiriya beze bafumane amanzi amaninzi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwahlanganisana abantu abaninzi, bawavala onke amaqula, nomlanjana oqukuqelayo ezweni, bathi, Yini na ukuba ookumkani baseAsiriya beze bafumane amanzi amaninzi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwaqokelelwa iqela elikhulu labantu, baza bayivala yonke imithombo kunye nentlambo eyayinqumla kwelo lizwe. Babesithi: “Asinakubayeka ookumkani baseAsiriya beze, ze bafumane amanzi angaka.”