2 Chronicles 32:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wazomeleza, walwaka lwonke udonga olube lucitiwe, walunyusa kwada kwasezinqatyeni; waka nolunye udonga ngapandle, wanqabisa i‐Milo esixekweni sika‐Davide, wenza izikali namakaka ngobuninzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wazomeleza, walwakha lonke udonga olwaludiliziwe, wenyusa iinqaba ezinde phezu kwalo, wakha nolunye udonga ngaphandle, wayiqinisela iMilo yomzi kaDavide, wenza izikhali neengweletshetshe ezininzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wazomeleza, walwakha lonke udonga olwaluwile, waluphakamisa ukuya kutsho kwiinqaba ezinde nolunye udonga ngaphesheya, wayivusa kwakhona iMilo kwisiXeko sikaDavide, wenza neentolo namakhaka amaninzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wazabalaza ezilungisa zonke iindawo ezonakeleyo eludongeni, esakha neenqaba eziphakamileyo. Wakha nolunye udonga ngaphaya kwalo, waza walomeleza ungqameko lwesixeko sikaDavide. Kananjalo wenza nentaphane yezixhobo kunye namakhaka.