2 Chronicles 32:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yomelelani nikalipe, ningoyiki, ningatuswa nokutuswa, ngenxa yokumkani we‐Asiriya, nangenxa yaso sonke isihlwele esinaye: ngokuba bebaninzi abanati pezu kwabanaye:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yomelelani nikhaliphe; musani ukoyika; musani ukuqhiphuka umbilini ngukumkani waseAsiriya, nayingxokolo yonke anayo, ngokuba baninzi abangakuthi, phezu kwabangakuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yomelelani nikhaliphe, musani ukoyika okanye ningoyiki ngenxa kakumkani waseAsiriya nangenxa yaso sonke isihlwele esikunye naye, kuba abo bakunye nathi baninzi ngakumbi kunabo bakunye naye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Yomelelani nikhaliphe! Ze ningabi nadyudyu okanye nityhafe ngenxa yokumkani waseAsiriya nomkhosi wakhe omkhulu; kaloku baninzi abangakuthi kunabo bangakuye.